




Abantu abanocinezelo lwengqondo banokucoca- -umlibe
Kubhale uUna Seery . Kuzobe uGill Nicolson .

Inkampani ephambili kweli ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa




Amakhasi Abadala
IMPILO
Izinto onokukwenza
Eyona nto ibalulekileyo ofanele uyenze kukufumana unobangela wocinezelo lwengqondo. Ngokuxelela abantu into ekukhathazayo - kuba lula ukumelana naloo ngxaki. Nazi ezinye izinto onokuzenza:

Chaza ukuba wonke umntu ube kuloo meko xa enocinezelo lwengqondo. Maxa wambi abantu babanexhala lokuba ingxaki abanayo akukho mntu wumbi oba nayo, bacinge nokuba akunakuphela oko. Eneneni akunjalo.

Menze umntu athethe nosapho lwakhe okanye abahlobo abasenyongweni ngengxaki abanayo - kufuneka bafumane inkxaso kangangoko benako. Xa umntu efuna uncedo lwakho, mnike.

Nceda umntu acebe ingomso lakhe. Thetha ngezinto abazifunayo, indlela
abanokuphumeza ngayo iinjongo zabo.

Mkhuthaze umntu ukuba azinonophele. Bafanele batye ukutya okufanelekileyo. Kufuneka benze umthambo baze bazame ukuphumla ukuze aphumze ingqondo.

Xa ungenako ukumnceda umntu, uze ubone ukuba abukho bubhetele , mse kugqirha wengqondo. Abantu abanocizelo lwengqondo basenokuva okanye babone izinto ezingekhoyo


















Izinto ezingaqhelekanga ezibangelwa kukucinezeleka kwengqondo
Kukho abantu abangevaniyo nokucinezeleka kwengqondo. Basenokuba baswelekelwe ngumntu abamthandayo, babone umntu ebulawa phambi kwabo
- ize iguquke imeko yabo. Ngequbuliso abakwazi ukumelana neengxaki zabo.

Kufuneka bafumane uncedo ngokukhawuleza abantu abanezi ngxaki. Kufuneka bathunyelwe koonontlalontle, iingcali zengqondo okanye koogqirha. Akunakumkhathalela umntu onale ngxaki ungencedwa. Ngaba uqonda njani umntu xa ekweli nqanaba lale ngxaki?

Nazi ezinye iimpawu ozibonayo:

	Ukubona izinto. Umntu usenokuthetha ngezinto azibonayo ube wena ungaziboni.
	Ukuva izinto. Umntu usenokuthi kukho amazwi awevayo.
	Ukudana lonke ixesha. Umntu usenokuyeka ukutya okanye afune ukuba yedwa. Usenokuzama ukuzibulala.

	Usenokuzenza kakhulu izinto yaye onwabe. Usoloko enento ayenzayo. Usenokwenza nezinto ezingaqhelekanga. Usenokucoca iiyure ezininzi. Usenokuthetha into engenasiphelo.

Ukuba kukho umntu omaziyo onengxaki yokucinezeleka kwengqondo - zama ukumnceda! Kubhetele ukumfumanela uncedo kunokuba umyeke abuqwe yile ngxaki.











Ngaba siza kubhala ngantoni? Unokuphulaphula yaye ufunde amabali ngoMzala nangomza wakhe, uSitha. USitha uba netheko zonke iimpela-veki nomfana ancuma naye de abanjwe! Kukho noKlaasie , inkwenkwe yebala yaseKoloni eyayifuna ukuba ngumlungu. Kanti kukho namanye!
Amabali aseMazantsi eAfrika unokuweva kwezi zikhululo zikanomathotholo zilandelayo ukususela ngoSeptemba : iRadio Zulu, iRadio Xhosa, iSesotho Stereo , iSetswana Stereo neSAFM . Ushicilelo lukaOktobha lukaTyhila Ufunde liza kuba neenkcukacha ezithe kratya ngamabali okuqala!
Khuthaza abahlobo nosapho lwakho
ukuba lufunde.
Ilizwe elifundayo liba nempumelelo.






Amakhasi Abadala
OKUQHUBEKA
EMFUNDWENI
Abantu abaninzi bacinga ukuba ukufunda yinto ekufuneka uyenze xa ufunda.
Bambalwa abantu abathanda ukufunda kuba bezonwabisa. Kodwa zininzi
iincwadi ezinamabali amnandi. Tyelela ithala lencwadi elikufuphi nawe, ufumane

iincwadi ozithandayo uze uqalise ukufunda!

Ukufundela ulonwabo!
Amabali onokuwa1inde1a!
The Suit-Can Themba
UPhilemmon ufika kwakhe abhaqe umkakhe, uMatilda , enendibano yesondo nenye indoda. UPhilemmon uphoxekile kukukrexeza kukaMatilda . Kubakho into eyenzekayo kuye. Umohlwala ngokuba aphake aphathe nesuti nokuba uyaphi na ngokungathi sisithandwa sakhe. Ngemini efandelayo emva kokuba ephoxekile kubahlobo bakhe, uyazibuza.
Xa unqwenela ukulifunda apho libaliswa ngemifanekiso eli bali, unokulifumana kwiDeep Cuts , eshicilelwe ngabakwaMaskew Miller Longman . Le ncwadi inamanye amabali njengelithi Collector of Treasures .

UMprofethi - uNjabulo Ndebele
Kuthunywa inkwenkwe ngunina ukuba iyolanda amanzi angcwele kwibhinqa elinguMprofethi . Emva kokuba ive amarhe ngaye iyoyika kodwa ngaphambi kokuba ahambe emzini woMprofethi uyayisikelela aze ayenze luphele uloyiko. Ithi xa isendleleni egodukayo iwe ize yophuke ibhotile . Uza kuthini bethu? Icinga ngokuba izalise ibhotile ngamanzi etephu ekowabo aze athi unina uziva ebhetele.
Eli nqaku licatshulwe ngabeViva Books yaye inokukodwa kule dilesi P.O. Box 28510, Kensington , 2101.


Ngaba uneenkcukacha okanye kukho isiganeko osaziyo ocinga ukuba siya kubanceda abafundi
bethu? Xa kunjalo bhalela kwaLook and Learn , P.O. Box 35677, Northway , 4065.









Iincwadi Zenu
Zuza -R5O ngeleta yakho enomdla
Siyakuvuyela kakhulu ukufumana iileta zenu  Khumbulani ukuba uTyhila Ufunde uhlawula i-R50 ngeleta enomdla. Bhalani ke. Hlalaniphantsi nisibhalele. Kule nyanga kukho umntu osithumelele umfanekiso obalisa ibali. Nawe unako ukusithumelela elakho ibali lomfanekiso.Ukuba unengxaki,
siza kwenza unakonako wokukuphendulela yona! Bhalani nithi Education , P.O. Box 35677, Northway ,4065.
Ileta Ephumelelayo  
Masifunde ukubathemba abantu
Ngobunye ubusuku bangoMgqibela, sahamba nomhlobo wam satyelele abahlobo bethu eVentersdorp . Senza ububhanxa bokuhamba singenayo imali eyaneleyo yepetroli yaza yaphelelwa imoto xa sekusele iikhilomitha ezintathu sifike apho sasisiya khona.

Sothuka sakubona imoto yamapolisa isima kwaza kwaphuma amapolisa abelungu kuyo. Sawaxelela ngengxaki yethu aza asithatha asisa kwigaraji ekufutshane, asithengela ipetroli , aza asiphindisela emotweni yethu. Ukususela ngoko ndiyabathemba abeLungu, ingakumbi abangamapolisa .

NguZ. Msaseni, eMosselbay
Inkampani ephambili kweli ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa

















Awunakuluthenga uthando
Amabhinqa amaninzi athi indoda ayiyiyo xa ingenamali nokuthi akanamdla tu wokutshata. Ndicinga ukuba xa ibhinqa liyithanda indoda kufuneka ithande yona, ingathandi izinto enazo nemali yayo.

Ningakwenzi oku manenekazi. Ubomi buziindleko yaye nathi sisokola njengani. Unelungelo lokukhetha okufunayo ngobomi bakho. Ncedani kodwa nikhumbule ukuba zininzi izinto ekufuneka sizithenga ngoko uthando alufanelanga lube yenye yezo zinto.

NguW. Kokwane, eMorokweng
TYHILA UFUNDE, Media-in-
4065.

Ekuphela kwento engekaguquki yimivuzo neemeko zokusebenza zabantu abesebenza emakhitshini . Abazifumani iibhonasi , azaziwa iiyure zabo zokusebenza kanti maxa wambi abavunyelwa nokuba batyelelwe ngabantu emsebenzini. Ndibongoza urhulumente ukuba aqwalasele lo mba kuba kuthi kusafana nokuba siphethwe ngurhulumente wocalucalulo.

NguB.S.E.M., eCyrildene

I-RDP nemimandla
Bahlonele abamelwane bakho
Ndikhathazekile ngengxolo ezilokishini . Xa kuyimpela-veki uva ngengxolo, akukho mfuneko yokuba ubuze. Abantu mabazi ukuba uhlobo lomculo abawuthandayo abanye abantu abawuthandi.

Ayikho into engalunganga ekudlaleni iHi-fi , kodwa kukufuneka uzidlalele wena, ungazami ukwenza waziwe ukuba uneHi-fi . Masincede sihlonelane. Masibe ngabahlobo kubamelwane bethu, singabi zizikhubekiso.

NguS. Mokhombo, ePretoria

Abasebenzi basekhaya
UMzantsi-Afrika uphantsi korhulumente omtsha yaye ziguqukile izinto ezininzi ngenxa kaMadiba.
yasezilalini
Iyamangalisa into yokuba uRhulumente woManyano angabi namdla kulimo. Ufumanisa ukuba akukho mntu unqwenela ukusebenza ezilalini yaye abantu bafudukela ezidolophini yonk'imihla. Kufanele kuphele oku. Urhulumente ufanele akhuthaze amafimi abancinane akhe neekholeli ezininzi zokufundela ulimo.

NguE. Musa, eMatatiele
ABAPHUMELELE
KUKHUPHISWANO LUKAJUNI
LUKANOMATHOTHOLO
ONEXESHA:
Sophie Ndaba, Orlando East ;
Cecil Mzoneli, Stanger;
St. Helena Aeenes, East
London;
Virginia Musi, Mafikeng;
Sinethemba Mongweni, Umtata



22 BONA XHOSA - September 1996

		BONA XHOSA - September 1996 23

	Esi sihlomelo sisibhale kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper

24 BONA XHOSA - September 1996

